Umqeqeshi uSean Smith unebhongo neqhayiya yimbethi-manqindi yakhe uThulani ‘Evolution’ Mbenge emva kokuphumelela kwakhona intshinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwewelterweight eNgilane ngokuhlwa kwangoMgqibelo.  

Kumthabathe iminyaka engaphaya kwemihlanu uMbenge ukuze abuye ayiphumelele lentshinga ye-IBO njengokuba ebethe uMichael McKinson wase-United Kingdom ngamanqaku eCopperbox Arena, eLondon.

UMbenge uphumelele kubo bobathathu abagwebi. UBob Williams noGiulio Piras bathe uphumelele 116-112, logama uMikael Hook ethe uphumelele 117-111. 

“Ibingumlo omhle. Bendivakalelwa kakhulu. Ibingumsebenzi nokuzinikela kweminyaka elithoba. Bekungekho thuba limbi, bekunzima, soze ndixoke. Ndibulela uThixo kuba uThulani ephumelele. Ndiziva ndikhululekile, kwaye ndinebhongo,” utshilo uSmith. 

UMbenge, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu noyibambe kabini intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwewelterweight, waphulukana nentshinga ye-IBO emva kokubethwa liJamani uSebastian Formella kwelaseJamani ngoJulayi 2019. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php