Kuzakuliwa njengokuba uVusumuzi Ngcamu sele etyikitye isivumelwano somlo apho azakucela umngeni kwintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight uSiyabulela Hem kulenyanga ezayo.

Lenjinga yaseGauteng izakulwa noHem waseDuncan Village, eMonti, ngeCawa umhla wamashumi amabini anesine kuNovemba. UHem uzakube ekhusela intshinga yakhe okokuqala kususela mhla wayihlutha kuBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu eMidrand kulenyanga ephelileyo. 

“Isivunelwano somlo sele sityikityiwe sizakulwa ngomhla wamashumi amabini anesine ngaphantsi kweXaba Boxing Promotions. UVusi Ngcamu uzakucela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight,” ubhale watsho u-Alan Toweel, ongumqeqeshi kaNgcamu , kwikhasi lakhe likaFacebook.

UNgcamu, obekwa kwindawo yesithathu eMzantsi Afrika, uzakuya kumlo wakhe noHem kanye emva kokubetha uBekizizwe Maitse ngamanqaku ngethuba besilwela intshinga yaseGauteng kudidi lwejunior-featherweight eBox Camp Booysens, eRhawutini, kwiinyanga ezintlanu ezigqithileyo. 

Ephumelele imilo emine, waphinda walwa ngokulingana kwimilo yakhe emihlanu yokugqibela, uNgcamu uphumelele kasibhozo, enqumamisa amadoda amahlanu, ebethwe kwimilo emine, waze walwa ngokulingana kwemithathu. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php