Ikhonkco elikhupha iintshatsheli kwindawo yakwaDurandt neqeqesha iimbethi-manqindi eRhawutini sele lilungele ukuveza enye intshatsheli njengokuba uBrandon Thysse ezakuvana amandla noNkhensahosi Makondo kuloMgqibelo esiya kuwo.
UThysse uzakube enethemba lokuphumelela kwilinge lesithathu xa equbisana noMakondo kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudidi lwejunior-middleweight e-Emperor’s Palace, eKempton Park.
“Ndikholelwa kakhulu kwimbethi-manqindi yam. Ndikholelwa ukuba uBrandon uzakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika. Zange oyike ukulwa nangemini enye,” utshilo uDamien Durandt, ongumqeqeshi kaThysse.
“Ndikhe ndambona uMakondo esilwa. Ndilindele ukuba azijule ijacu. Kodwa ndiyakholelwa kwisakhono sikaBrandon. Intshinga yoMzantsi Afrika yeyakhe, yinto ekufanele ayiphumelele.”
Sisihlandlo sesithathu uThysse ezama ukuphumelela lentshinga. Wabethwa nguNkululeko Mhlongo ngoSeptemba 2017, waphinda wafeda ngethuba esilwa nowayeyinjinga yoMzantsi Afrika uShervantaigh Koopman ngoSeptemba nyakenye.
Njengokuba lomlo usiza, uDurandt ujonge ekuveliseni intshatsheli yakhe yesine xa uThysse enyathelana ngoobhontsi noMakondo.
“Sele ndikhuphe iintshatsheli zoMzantsi Afrika ezintathu, kwaye iyeza eyesine. Ngendineentshatsheli ezine ngoku ukuba uBarend van Rooyen wayengazange ayihluthwe intshinga yakhe emva kokusebenzisa iipilisi zeswekile,” utshilo uDurandt.
Indawo yokuqeqesha iimbethi-manqindi ephantsi kukaDurandt sele iphumelele iintshinga zoMzantsi Afrika ezilikhulu, ezingamashumi alithoba anesixhenxe zaphunyelelwa ngongasekhoyo uNick Durandt, owayenguyise kaDamien. – Monwabisi Jimlongo