Emva koqhaqho lwasegxalabeni kwiinyanga ezisibhozo ezagqithayo, owayekhe wacela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwentambanani uLusizo “Speed Fire” Manzana ubuyela eqongeni kulempelaveki.
Ebekwa kwindawo yesithathu kuluhlu lweembethi-manqindi ezilwa kudidi lwentambanani eMzantsi Afrika, uManzana ubuyela eqongeni ngomlo noSiphosethu Mhlahlo waseChintsa kwimijikelo emithandathu kwiholo yedolophu yaseMthatha ngeCawa.
UManzana wachitha iiveki ezintandathu kwisibhedlele iBedford eMthatha emva kokwenziwa uqhaqho egxalabeni lasekhohlo ebutsheni balonyaka.
Kwanyanzeleka ukuba enze uqhaqho ukulungisa iingxaki kwigxalaba lasekhohlo nelamphazamisayo ngethuba esilwa noLandile Ngxeke kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika eyayingenamntu kudidi lwentambanani ngoDisemba nyakenye.
Lenzalelwane yaseMthatha, eneminyaka engamashumi amabini anesithandathu, yanqunyanyiswa kumjikelo wesine ngenxa yokonzakala.
Kusenjalo, umlo kaManzana noMhlahlo uzakugabulela izigcawu umlo wentshinga yaseMpuma Koloni kudidi lweminimumweight phakathi kwenjinga uSiphesihle Sityo waseDuncan Village nenzalelwane yaseMthatha uMthokozisi Ngxaka.