Emva kokuzivuthulula ekubeni ekhe wawiswa kabini kumjikelo wokuqala, uShervantaigh Koopman unqwalile, evuma ukuba uBrandon Cook waseCanada ebelushica.
UKoopman uzivuthulule, waze wanqumamisa uCook kumjikelo wesihlanu, ngaloondlela waphumelela intshinga ebingenamntu kwiWorld Boxing Association (WBA) Intercontinental kudidi lwejunior-middleweight e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngokuhlwa kwangoMgqibelo.
“Ibingumlo onzima, kodwa ndibonisile ukuba ndinesibindi, ndiyakwazi ukuzivuthulula, ndiphumelele. Abantu bebesoloko benemibuzo ngalonto, bazibonele ngokwabo ngoku,” utshilo uKoopman.
UKoopman, ongekabethwa nowayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-middleweight wongeze ngelithi: “Xa besiqala ndifune ukuva amandla akhe. Uye wandibamba ngenxa yamandla akhe. Ndiye ndenza izinto zam, ndawuphumelela umlo.”
Emva kwalempumelelo, uKoopman, ozinze ePrimrose, uphucule irekhodi lakhe njengokuba eyiphumelele yolishumi elinesihlanu imilo yakhe, enqumamise amadoda alishumi, logama uCook ephumelele imilo emgamashumi amabini anesithandathu, waze wabethwa kwemithathu. – Monwabisi Jimlongo