Akunambaliso ukuzimisela okubonakaliswa yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi uSiyakholwa Kuse kumalungiselelo omlo noBeaven Sibanda.
Kwilinge lokuqinisekisa ukuba uyamelana neemeko zezulu zaseRhawutini, uKuse uzakunikela umva iMonti, ayokugxumeka iintente zakhe kwaNdongaziyaduma kude kubesemva komlo wakhe weWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi lweminimumweight noSibanda.
Ngethuba egxumeke iintente zakhe ERhawutini, lenjinga ye-African Boxing Union (ABU) kudidi lweminimumweight, izakuqeqeshwa kwindawo yokuziqeqesha esetyenziswa yintshatsheli yamhlamnene kudidi lwentambanani uPhumzile Matyhila.
“UKuse uzayokuhlala eRhawutini ngomhla weshumi kuNovemba, kwaye uzakubuyela ekhaya emva komlo wakhe noSibanda,” uqinisekise watsho uMlandeli Tengimfene, ongumlawuli kaKuse.
Sele kuntsuku noko kuthethwa ngomlo kaKuse noSibanda, kwaye kwakufanele ukuba belwe ngoJuni, kodwa lomlo wate awabikho. – Monwabisi Jimlongo