Ilinge lokukhokelela u-Aphiwe ‘Swagger’ Mboyiya kuhambo lokuqhubela phambili nokunyuka kumanqwanqwa odidi lwejunior-welterweight eMzantsi Afrika lihamba ngendlela njengokuba ebuyela eqongeni kumlo noLindokuhle ‘Hitman’ Dlamini kulenyanga ezayo.
Lomfana, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba nolwejunior-lightweight, ulwa noDlamini waKwaZulu-Natal e-Orient Theatre, eMonti, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithathu kuNovemba.
UMboyiya walwa kakuhle kakhulu, ebonisa abalandeli bamanqindi ukuba useyinto ngobunto bayo ngethuba enqumamisa uChumani Tunzi kumjikelo wesithandathu, waze waphumelela intshinga yaseMpuma Koloni kudidi lwejunior-welterweight kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo.
Ngaphambi kokulwa noTunzi, lomfana wase-Amalinda ebengakhange alwe kususela mhla wanqunyanyiswa kumjikelo wesihlanu nguKhaya Busakwe, oyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight, ngo-Okthobha 2022.
Emva kokoyisa uTunzi, uMboyiya watyhudisa ukungena kuluhlu lweembethi-manqindi ezikumanqwanqwa kaBoxing South Africa (BSA) njengokuba ebekwa kwindawo yesine ngoku.
Kusenjalo, uDlamini, oyinzalelwane yaseMpangeni, ulwe ngokulingana noSipho Mahlangu eThekwini kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo.
UDlamini, oqeqeshwa nguSizwe Mthembu, wakhe wayintshatsheli yaKwaZulu-Natal kudidi lwejunior-welterweight nolwewelterweight. Kwaye ubekwa kwindawo yesibhozo eMzantsi Afrika njengokuba ephumelele kathathu, wabethwa kanye waphinda walwa ngokulingana kanye kwimilo yakhe emihlanu yokugqibela.