Udubul’egeqa wentshatsheli yahlabathi nengekabethwa uNaoya ‘Monster’ Inoue waseJapan utyikitye isivumelwano sentywenka yezigidi zeedollar zaseMelika noTurki Alalshikh waseSaudi Arabia.
Ngokokutsho kukaYahoo Japan, u-Inoue, oneminyaka engamashumi amathathu ananye, utyikitye isivumelwano esixabisa izigidi zaseMelika elishumi elinethoba namakhulu asixhenxe (malunga nezigidi ezingamakhulu amathathu anamashumi amane anesihlanu ezigidi zeRandi) nalomququzeleli wemidlalo eSaudi Arabia nangona nje bungathiwa pahaha ubude besisivumelwano.
Ukutyikitywa kwesisivumelwano kuthetha ukuba lenjinga yeWorld Boxing Council (WBC), World Boxing Association (WBA), International Boxing Federation (IBF) neWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-featherweight izakuba yinxalenye yeRiyadh Season.
U-Inoue uzakukhusela izithsaba zakhe kumlo noSam Goodman wase-Australia e-Ariake Arena, eYokyo, kwelaseJapan ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesine kuDisemba. Sisihlandlo sesithathu u-Inoue esilwa kulonyaka njengokuba wanqumamisa uTJ Doheny noLuis Nery kwimilo egqithileyo.