IChippa United irhoxile kwitumente ebizwa ngokuba yiHome of Legends Cup ezakudlalelwa eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithandathu kuNovemba.
IiChilli Boys zirhoxe emva kokukhalaza ngokungalingani kwempatho esuka kwiMandela Bay Development Agency kulemente equka amaqela afana neMamelodi Sundowns, iKaizer Chiefs neLamontville Golden Arrows.
Kwincwadi ekhutshwe ziiChilli Boys ngoLwesibini, zithe: “Sibuhlungu ngokungabikho kwendlela eyiyo ekucetyweni kwaletumente. Ingqonyela yequmrhu u-Anele Qaba ubonakalise ukungabinamdla wokuxoxa nathi nangona besifuna ukusebenzisana njengokuba iyitumente ebandakanya amaqela amakhulu le.
“Eyona nto engundoqo nesixhalabisayo kukwabiwa kwezitya ngendlela enexanasi. Njengokuba amanye amaqela ezakuvuzwa kakuhle ngokuthabatha inxaxheba, iChippa United FC ayiyinikwanga imali elinganayo. Amalinge ethu okuthethathethana akhatyiwe nguMnumzana uQaba esithi nokuba singarhoxa ukuba asonelisekanga akunani. Sigqibe kwelokokuba sirhoxe kuletumente.”
Kusenjalo, letumente enenkxaso enkulu esuka kwiSebe leZemidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, iye yabangundabamlonyeni emva kokuba uSipho Ndzuzo wathi pahaha into yokokuba abaququzeleli bayiba kuye lengcingane yokwenza letumente.
UNdzuzo, owayedlalela i-Ajax Cape Town, iMamelodi Sundowns, iManning Rangers neMthatha Bucks, uthe: “Ndiyalele amagqwetha am ukuba athumele incwadi yawo kwiNMBM. Isiwe ke looncwadi ngumthumnywa wenkundla. Banikwe kude kube ngoLwesihlanu ukuba bayiphendule.”
UNdzuzo, oneminyaka engamashumi amahlanu anesibini, uyibeke yacaca into yokokuba akalwi nokudlalwa kwaletumente.
“Eneneni, iinjongo zam ayikokuyimisa letumente, kodwa kukuba bavume indima endiyidlalileyo. Incwadi yam yangaphambili yayicela ungenelelo ukuze kuhlalwe phantsi, kusonjululwe lenyewe,” utshilo uNdzuzo.
“Lifikile ixesha lokokuba umaspala aphendule kungenjalo sizakuya enkundleni. Urhulumente namagosa akhe kufuneka babenoxanduva lokuziphendulela ngeentshukumo zabo. Abafuneki elulawulweni abantu abangathembekanga nabanobuqhwemesha.”