U-Abdul-Aziz Kunert ukholelwa ukuba uzakuphumelela apho uLucky Hobyane noYamkela Phaliso bafeda khona xa esilwa noZolisa Batyi, oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba, ngoMgqibelo kuleveki ezayo.
UKunert uzakufumana ithuba lesibini lokuzama ukohlutha intshinga kaBatyi njengokuba bezakulwela e-Orient Theatre, eMonti, kumlo oyimpinda yalowo owawubanjelwe eBellville, eKapa, ngo-Agasti nyakenye.
“Amalungiselelo ahamba kakuhle. Ndijonge umhla wamashumi amabini anesithathu apho ndizakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika khona. Ndikholelwa ukuba lixesha lam eli. Lagqitha kudala ixesha likaBatyi,” utshilo uKunert.
UKunert, okwilinge lesithathu lokuphumelela lentshinga yosiba eMzantsi Afrika, uyicacisile into yokokuba uBatyi makalibale ukuba ucinga uzakuwuphelisa msinyane umlo. UKunert wabethwa ngamanqaku ngu-Asanda Gingqi ngoSeptemba 2021, waphinda walwa ngokulingana noBatyi.
“Akazange akwazi ukundinqumamisa kumlo wethu wokuqala, akasoze akwazi nangoku. Ndizakube ndingaphaya kwakhe,” utshilo uKunert.
Ephefumla malunga nokulwa phambi kwabantu angabaqhelanga, uKunert uthethe wathi: “Ndikholelwa ukuba abantu abazakube bephaya bazakundikhuthaza. Ndizakuba nenkxaso eninzi emva kokubetha uBatyi.” – Monwabisi Jimlongo