U-Owethu Rula uzakulwa kwenye yeetumente zamanqindi ezizakubanjelwa koomaspala abohlukeneyo eMpuma Koloni ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithathu kuNovemba. 

Lenzwakazi yaseGqeberha izakukhusela intshinga yayo yaseMpuma Koloni kudidi lwempukane xa isilwa noMihle Tuli eTambo Village Hall KwaLanga, eKariega, kwiiNelson Mandela Bay Metro. 

URula uzakuya kulo mlo emva kokufeda kwilinge lakhe lokuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight kwicandelo labasetyhini ngethuba ebethwa ngamanqaku yintshatsheli uNozwelethu Mathontsi xa wayecela umngeni ngoDisemba nyakenye.

Yayisisihlandlo sesibini uRula ebethwa nguMathontsi kwilinge lakhe lokuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika njengokuba wayebethiwe nango-Agasti wonyaka ophelileyo. 

Kwelinye icala, uTuli wabetha uNothando Ncube kumlo wakhe wokugqibela kwiholo yaseScenery Park, eMonti, ngoMatshi kulonyaka.

Kusenjalo, enye itumente izakubanjelwa e-Orient Theatre, eMonti, kwiBuffalo City Metro, apho intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba uZolisa Batyi azakukhusela khona intshinga yakhe ku-Abdul-Aziz Kunert kwimpinda yomlo wabo wango-Agasti 2023. 

Izakuba sisihlandlo sesine uBatyi ekhusela lentshinga awayiphumelela ngethuba enqumamisa owayeyintshatsheli uJeff Magagane kumjikelo wesibini eNgoako Ramatlhodi Sports Complex, eSeshego, ePolokwane ngoDisemba 2022. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php