Luvuyo nemigcobo njengokuba uzakuqhubela phambili umlo phakathi kuka-Aphiwe ‘Swagger’ Mboyiya noLindokuhle ‘Hitman’ Dlamini kulandela amathandabuzo emva kokuba ikomiti kaBoxing South Africa (BSA) evuma nekhaba imilo ibiwukhabile lo mlo.
Ekuqaleni, lekomiti kaBSA iwukhabile lo mlo ngelithi kudityaniswe amakhwenkwe angalinganiyo njengokuba uMboyiya, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba nolwejunior-lightweight, enamava xa ethelekiswa noDlamini.
“Uzakuqhubela phambili umlo njengokuba uye wavunywa. Ngoku singagcila kumalungiselelo ethu okugqibela,” utshilo uLonwabo Witbooi, oqeqesha uMboyiya.
UMboyiya, oyinjinga yaseMpuma Koloni kudidi lwejunior-welterweight, uphumelele imilo elishumi elinesibhozo, enqumamise amadoda alithoba, wabethwa kwimilo emithandathu, waze walwa ngokulingana komnye. UMboyiya ukwindawo yesithathu kuluhlu lweembethi-manqindi kudidi lwejunior-welterweight.
Kwelinye icala, uDlamini, obekwa kwindawo yesixhenxe kuluhlu lweembethi-manqindi, uphumelele kwimilo emine, enqumamise amadoda amabini, wabethwa kabini, waphinda walwa ngokulingana kumlo omnye.
Kusenjalo, umlo kaMboyiya noDlamini uzakugabulela izigcawu umlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba phakathi kwentshatsheli uZolisa Batyi no-Abdul-Aziz Kunert e-Orient Theatre, eMonti. – Monwabisi Jimlongo