Kungenzeka ukuba ibuhlungu intliziyo yakhe emva kokuhamba kukaSiseko Teyisi, umqeqeshi wamanqindi uZolile ‘Gqo’ Mahambi ‘akananxa’ ngakulomfana nosele eqeqeshwa nguMnyamezeli Shosha.
UMahambi unqwenelele uTeyisi amathamsanqa ngaphambi komlo wakhe wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight noMfanuvele Ntuli eMonti.
Lentshinga yoMzantsi Afrika yashiyeka ingenamntu emva kokuba uMpumelelo Tshabalala ephumelele intshinga ye-International Boxing Organisation (IBO) ngoSeptemba.
“Undishiye kwiiveki ezine ezidlulileyo wazimanya noMnyamezeli Shosha. Andinangxaki nalonto. Ndisuka kude noSiseko. Wayeneminyaka esibhozo ukuqala kwethu ukudibana. Mhlawumbi ikhona into ayibonileyo apho akhoyo ngoku,” utshilo uMahambi.
“Ufana nonyana kum, kwaye wamkelekile nanini na xa ecinga ukubuya. Kodwa kuzakubakho imiqathango xa ebuya. Ndimnqwenelela impumelelo kumlo wakhe wentshinga yoMzantsi Afrika.”
UTeyisi, ongekabethwa, uzakulwa noNtuli e-Orient Theatre, eMonti, ngoMgqibelo umhla weshumi elinesine kuDisemba. Lomfana, oneminyaka elishumi elinethoba, uwanqumamise omahlanu amadoda alwe nawo.
Kusenjalo, uNtuli, oyinzalelwane yasOndini KwaZulu-Natal, uzinze eTembisa, Ekurhuleni, kwaye uqeqeshwa nguNelson Baku.
UNtuli, obekwa kwindawo yokuqala kudidi lwejunior-flyweight eMzantsi Afrika, uphumelele imilo emihlanu, wangqengqisa amadoda amahlanu, wabethwa kwemithathu, walwa ngokulingana komnye. – Monwabisi Jimlongo