Ukutolikwa nokungatolikwa ngendlela kwesolotya leshumi elinesithathu lomgaqo-nkqubo nemithetho kaBoxing South Africa (BSA) yokuvuma nokukhaba imilo kunyanzelise umthelekisi ozinze eKapa uJackie Brice ukuba agrogrise ngokuthawuzisa uBSA kwiinkundla zomthetho.
UBrice ubenethemba lokuthelekisa uWassim Chellan noJabulani Makhense kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudidi lwewelterweight. Ngelishwa lakhe, ikomiti evuma nekhaba imilo yalile ukuwuvuma lo mlo isithi zombini ezimbethi-manqindi azikulungelanga ukulwela lentshinga nangona nje zikwindawo yokuqala neyesibini ngokulandelelana.
Ngoku lentshinga engenamntu izakulwelwa nguKeanu Koopman noBonke Duku, ababekwa kwindawo yesithathu neyesine ngokulandelelana, ngoLwesihlanu umhla wesithandathu kuDisemba, nto leyo eshiye uBrice efixekile.
UBrice, ongoyena mthelekisi osele enze iitumente ezininzi kulonyaka, ukholelwa ukuba uChellan noMakhense bafanelekile ukuba bayilwele lentshinga.
“Ndibasa enkundleni. Bakhetha iphela emasini xa betolika umthetho. Bendizakuvuya ukuba bebetolike umthetho ngendlela eyiyo nokuba yilakomiti yangaphambili okanye yile ekhoyo,” ugrogrise watsho uBrice.
Isolotya leshumi elinesithathu lomgaqo-nkqubo nemithetho yokuvuma nokukhaba imilo, owatyikitywa ngusihlalo wamhlamnene webhodi kaBSA uGqirha Malefetsane Ngatane ngomhla weshumi elinethoba kuDisemba 2019 lithi: “Abacelimngeni izakuba ziimbethi-manqindi kwezilishumi kuluhlu lukaBSA kudidi olunye, kwaye kufuneka zikhawulelane nalemiqathango elandelayo, kufuneka umcelimngeni abe kanti uwuphumelele okanye ulwe ngokulingana kumlo wakhe wokugqibela. Kufuneka ingabi ngumntu ongakhange alwe kwisithuba seenyanga ezilishumi elinambini.”
UChellan akakalwi kususela mhla wabethwa ngu-Adel El Garmaoui waseJamani kwiinyanga ezintlanu ezigqithileyo, logama uMakhense engekalwi emva kokubethwa nguVitaly Petryakov waseRussia ngoSeptemba nyakenye. – Monwabisi Jimlongo