Inokuba uyaphupha u-Abdul-Aziz Kunert ukuba ucinga uzakubetha intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba uZolisa Batyi xa besilwa ngoMgqibelo. 

Olu luluvo lukaBaba Makala, ozakukhokelela uBatyi edabini, xa lenzalelwane yaseNxarhuni isilwa noKunert kumlo oyimpinda e-Orient Theatre, eMonti. 

“Angathetha nantoni na afuna ukuyithetha. Uyayazi into yokokuba wayebethiwe kumlo wokuqala qha kwathiwa balwe ngokulingana ngenxa yokokuba kwakuthanjiswa iintliziyo zabalandeli bakhe baseKapa,” utshilo uMakala.

“Zonke iimbethi-manqindi ezilwa noZolisa zithetha kakhulu phambi komlo, kodwa ziyabethwa ngemini yomlo. Uzakube unethamsanqa uKunert ukuba akanqunyanyiswanga nguZolisa. Uzakohlwaywa kakhulu ukuba uyigqibe yonke imijikelo.” 

UBatyi uzakube ekhusela intshinga yakhe isihlandlo sesine kususela mhla wayiphumelela ngokunqumamisa uJeff Magagane kumjikelo wesibini ePolokwane ngoDisemba 2022. Walwa ngokulingana noKunert eBellville, eKapa, ngo-Agasti nyakenye. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php