ISouth African Football Association (SAFA) izibhebhethile iingxelo ezithi ihlawulele uMzantsi Sudan iindleko zenqwelontaka nezokuhlala eMzantsi Afrika.

IBafana Bafana ibethe uMzantsi Sudan ngamanqaku amathathu eqandeni eCape Town Stadium ngoLwesibini ngokuhlwa kumdlalo wokuzibekela indawo kwitumente yamazwe ngamazwe ase-Afrika yonyaka ozayo. 

“ISouth African Football Association (SAFA) iziqaphele iingxelo ezilahlekisayo zokuhlawulwa kwamatikiti enqwelontaka nokuhlala kweli kweqela loMzantsi Sudan ebelidlala neBafana Bafana kumdlalo wemfezeko wetumente yamazwe ngamazwe ase-Afrika kwiintsuku ezimbalwa ezigqithileyo,” itshilo iSAFA ngoLwesihlanu.

“ISAFA ithanda ukucacisa ukuba ezingxelo azinabunyani, kwaye zililishwa. ICAF ifuna ukuba iqela lesizwe ngalinye elithabatha inxaxheba kwimidlalo yemfezeko lizihlawulele iindleko zokuhamba kunye nendawo yokuhlala ngethuba lemidlalo yemfezeko. Ezingxelo azinabunyani.”

IBafana, equkumbele imidlalo kaGroup K iphumelele kane, yabambana kabini, ibisele ingenile kwitumente yonyaka ozayo ngaphambi kokudlala noMzantsi Sudan. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php