UBoxing South Africa (BSA) umemelela ukuba mabangathi cwaka abathelekisi abangaxolanga zizinto ezenziwa okanye engazenziyo iNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA).
Endaweni yoko, kufuneka abathelekisi banxibelelane noBSA bavakalise izikhalazo nokungaxoli kwabo ukuze kulungiswe umdlalo wamanqindi, utshilo oyingqonyela ebambeleyo kwaBSA uTsholofelo Lejaka.
“Andikwazi ukulibeka litsole ukuphendula umbuzo ndithi lwalukhona unxulumano namalungu ngaphambi kokuba umgaqosiseko weNPBPA uziswe phambi kwebhodi. Ndicinga nje ukuba lwalukhona,” utshilo uLejaka.
ULejaka ebephendula umbuzo malunga nomgaqosiseko weNPBPA uninzi lwabathelekisi oluthi akuzange kuvunyelwane ngawo kwinkomfa yolonyulo eThekwini kwisithuba esingaphaya kweminyaka emibini.
“Into endifuna ukuyithetha kubathelekisi abangaxolanga kukuba mabathethe noBoxing South Africa. Umthetho ubeke uxanduva phambi kukaBoxing South Africa,” utshilo uLejaka.
“Masithi mhlawumbi uBoxing South Africa wanikwa imbila ngentloko wamkela umgaqosiseko weNPBPA kungakhangwe kuvisiswane ngabathelekisi, abo bachaphazelekayo banalo ilungelo lokuyiphikisa lonto. Yinto enkulu emanqindini umcimbi wokunxulumana.”
Kubekho ukumbombozela nokunxakama phakathi kwabathelekisi besithi awuzange wamkelwe umgaqosiseko weNPBPA. – Monwabisi Jimlongo