Ibethiwe kwakhona iBanyana Banyana njengokuba iquthiswe yiJamaica ngamanqaku amathathu eqandeni kumdlalo wobuhlobo eCatherine Hall Sports Complex, eMontego Bay, ngentseni yangoMgqibelo, ngokwexesha loMzantsi Afrika.

Izinto ziqale ukubambi kwiBanyana ngethuba umdlali wasemva kwiBirmingham City uSiobhan Wilson efaka inqaku lokuqala leeReggae Girlz emva kokubetha ibhola yagqitha kunozinti weBanyana u-Andile Dlamini ngomzuzu wamashumi amabini anesibhozo. 

UKhadija Shaw ufake inqaku lesibini leeReggae Girlz kwimizuzu elishumi siqalile isiqingatha sesibini. UShaw, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe nodlalela iManchester City eNgilane, ufake inqaku lakhe lesibini kwimizuzu esibhozo ngaphambi kokuphela komdlalo. 

Kusenzima kwiBanyana njengokuba ibethwe kumdlalo wesithathu ngokulandelelana. Ibethwe kabini yiDenmark neNgilane kulenyanga ephelileyo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php