Nabani na obecinga ukuba ngahle intshatsheli yehlabathi uPhumelela ‘The Truth’ Cafu aphinde alwe noKosei Tanaka kungekudala makaphinde acinge kwakhona kuba lomlo lowo awukazokwenzeka.
Oku kuqinisekiswe ngumlawuli nomqeqeshi walenjinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) uColin ‘Nomakanjani’ Nathan weNO DOUBT Management.
UCafu, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight noyinzalelwane yaseDuncan Village, eMonti, eMpuma Koloni wabetha uTanaka eTokyo kwelaseJapan phantse kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo.
“UTanaka usafuna ukulwa kwakhona, kodwa umlo awuzokwenzeka ngoku. Wathi ufuna ukukhe aphumle emva kwalamlo kuba kwakunzima kuye. Lonto ithetha ukuba izakuthabatha ixesha into yokokuba kuphinde kuliwe,” utshilo uNathan.
UCafu ube yimbethi-manqindi yesibini ukubetha uTanaka, owayeyintshatsheli yeWBO kudidi lweminimumweight, lwejunior-flyweight, lweflyweight nolwejunior-bantamweight. UTanaka wabethwa ngumkhaya wakhe uKazuto Ioka kumlo weWBO kudidi lwejunior-bantamweight ngoDisemba 2020.
Kusenjalo, uCafu sele ebuyele eRhawutini emva kokuchitha ixeshana eMonti. Kwaye ke ngoku sele eyifumene ibhanti yakhe yexabiso yeWBO ethunyelwe kuye ngulombutho ozinze ePuerto Rico kulenyanga ephelileyo. – Monwabisi Jimlongo