Awusoze ubekhona umlo oyimpinda phakathi koSiyakholwa Kuse noBeaven Sibanda emva kokuba belwile e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.
Oku kuthethwe ngumqondisi weGolden Gloves uRodney Berman emva kokuba uKuse ebethe uSibanda ngamanqaku kumlo wentshinga ebingenamntu kwiWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi lweminimumweight.
Abagwebi ababini uFrancis Chirwa waseZambia nommi waseMzantsi Afrika uBen Ncapai bathe uKuse uphumelele, logama uGloria Dera waseZimbabwe ethe balwe ngokulingana.
“Yiyo kanye into efunwa ngamanqindi. Azakukhula amanqindi ukuba izinto zihamba ngoluhlobo. Kufanele ukuba iimbethi-manqindi eziphambili zilwe zodwa. Awuzokubakhona omnye umlo phakathi kwabo. Bobabini bazakuya phambili emanqindini emva kokubonakalisa ubungangamsha babo njengeembethi-manqindi,” utshilo uBerman.
“UBrian Mitchell usimele kwingqungquthela yeWBC. Into esizakuyenza kukuzama ukuba uKuse acele umngeni kwintshinga yeWBC. Kwaye sifuna ukuqinisekisa ukuba uSibanda uyahlala abekwindawo ephucukileyo kuluhlu lweWBC.”
UKuse, oyintshatsheli eshiyayo eMzantsi Afrika nakwi-African Boxing Union (ABU) kudidi lweminimumweight, ubekwa kwindawo yesihlanu kuluhlu lweWBC, logama uSibanda waseZimbabwe, obethwe okokuqala ngoLwesihlanu, ekwindawo yeshumi elinesine. – Monwabisi Jimlongo