Emva kokuphumelela umlo wakhe, ebetha imbethi-manqindi yaseZimbabwe uBeaven Sibanda ngoLwesihlanu ogqithileyo, ngoku uSiyakholwa Kuse uzithe tya iintshinga zoMzantsi Afrika ne-African Boxing Union (ABU) kudidi lweminimumweight. 

Lomfana waseMdantsane uphumelele umlo wakhe noSibanda, waze ngaloondlela wabayintshatsheli entsha yeWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi lwemini-flyweight e-Emperor’s Palace in Kempton Park, Ekurhuleni. 

Abagwebi ababini uFrancis Chirwa waseZambia nommi woMzantsi Afrika uBen Ncapai bathe uKuse uphumelele, logama uGloria Dera ethe zombini iimbethi-manqindi zilwe ngokulingana. 

“Sivumelene noSiyakholwa ukuba uyazishiya iintshinga zakhe. Sizakubhalela uBoxing South Africa incwadi simchazele ngesigqibo sethu sokuyishiya intshinga yoMzantsi Afrika. Sele siyishiyile intshinga ye-ABU,” uqinisekise watsho uMlandeli Tengimfene, ongumlawuli kaKuse okhuthele kunene. 

Impumelelo yangoLwesihlanu ivulele uKuse ithuba elihle lokucela umngeni kwinjinga yeWBC uMelvin Jerusalem wasePhilippines. UJerusalem wabayintshatsheli emva kokubetha uYudai Shigeoka waseJapan eNagoya kwelaseJapan ngoMatshi kulonyaka. 

Kusenjalo, uKuse wayiphumelela kwakhona intshinga yoMzantsi Afrika ngokubetha uBangile Nyangani ngamanqaku kumlo owawuyimpinda e-International Convention Centre (ICC) eMonti ngoJulayi kulonyaka ophelileyo.  

Kwiinyanga ezintlanu ezilandelayo, uKuse waphumelela intshinga ye-ABU ngokunqumamisa uKhalid Kalama Ally waseTanzania kumjikelo wesibhozo eWhittlesea Multipurpose Hall, eSada. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php