Iphumile ingqina kukhangelwa imbethi-manqindi ezakulwa nowayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika u-Azinga ‘Golden Boy’ Fuzile e-Orient Theatre, eMonti, kuleCawa esiya kuyo.

UFuzile ebezakunyathelana ngoobhontsi no-Eduardo Mancito wasePhilippines. Kodwa lommi wasePhilippines, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, akakwazanga ukuza eMzantsi Afrika emva kokufumana istampu esigunyaza uhambo lwakhe emva kwexesha. Ngoku iziphatha-mandla zeLast Born Boxing Promotions ziphantsi phezulu, zikhangela umntu onokulwa noFuzile. 

“Umntu ebesizakulwa naye uqale ngokusokola ngaphambi kokufumana istampu esigunyaza ukuba angahama azokulwa no-Azinga. Sinethemba lokufumana imbethi-manqindi ezakulwa noFuzile,” utshilo uMlandeli Tengimfene weLast Born Promotions. 

Kubaluleke kakhulu ukuba alwe uFuzile, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, njengokuba umlo olandelayo walenzalelwane yaseDuncan Village uzakuba ngoFebruwari okanye ngoMatshi kulonyaka ozayo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php