Umnxulumanisi wezopapasho kwiGolden Gloves uBrian Mitchell uveze ukuba uzithethelele iimbethi-manqindi zaseMzantsi Afrika ukuba zibekwe phezulu kuluhlu lweWorld Boxing Council (WBC). 

UMitchell, okwingqungquthela yeWBC yamashumi amathandathu anesibini eHamburg kwelaseJamani, udize ukuba uthethelele uSiyakholwa Kuse, uShervantaigh Koopman, uRicardo Malajika noBeaven Sibanda. 

UKuse waseMdantsane uyintshatsheli yeWBC Silver kudidi lweminimumweight emva kokubetha uSibanda e-Emperor’s Palace in Kempton Park, Ekurhuleni, ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. 

Ukanti, uMalajika yinjinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-bantamweight, logama uKoopman ebambe ibhanti yeWorld Boxing Association (WBA) Intercontinental kwijunior-middleweight. 

“Ikomiti yeWBC eyenza uluhlu lwembethi-manqindi ibinentlanganiso ebusuku ngoMvulo, ndithethelele iimbethi-manqindi zethu ezine. Ndibaxelele ukuba uKuse usandula ukuphumelela intshinga yeWBC Silver, kwaye ndibacengile ngelithi mabamnyuse ibe nguye ocela umngeni,” utshilo uMitchell. 

“Ndithethile nabo ngoShervantaigh, ongekabethwa. UShervantaigh uyintshatsheli, kwaye ndibacelile ukuba bambeke kuluhlu lweembethi-manqindi ezilishumi zokuqala. URicardo ukwindawo yesixhenxe, ndibacelile ukuba bamnyuse. Ndiphinde ndabacela ukuba bamgcine uSibanda kuluhlu lweembethi-manqindi ezilishumi elinesihlanu eziphambili.”

Kusenjalo, uMitchell oneminyaka engamashumi amathandathu anesithathu nowayeyinjinga yeWBA ne-International Boxing Federation (IBF) junior-lightweight uthiwe jize ngebhanti yeWBC ngumongameli walombutho uMauricio Sulaimán ngoMvulo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php