Kumaxa amaninzi, uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu, oneminyaka engamashumi amane anesihlanu, udla ngokungabonakalisi ukuba noko sele ihambile iminyaka yakhe, kodwa ubudala bakhe bubonakele ngethuba enqunyanyiswa nguSiyabulela ‘Showtime’ Hem kumjikelo wesithathu e-Orient Theatre, eMonti, ngokuhlwa kwangoMgqibelo.

Zisuka nje uMahlangu uthabathe umlo wawusa kuHem. Kodwa inqindi lasekhohlo elihleli emihlathini limgibisele phantsi uMahlangu obebonakala esenza kakuhle. UHem uphindile kwakhona wamwisa uMahlangu ekuqaleni komjikelo wesibini emva kokumbetha ngenqindi lasekunene. 

Kwakhona uHem umwisile uMahlangu, oyinzalelwane yaseBoipatong, kumjikelo wesithathu. UHem, oyinzalelwane yaseDuncan Village, uphumelele emva kokuba usompempe womlo uLulama Mtya ewuphelise kumjikelo wesithathu. 

Kusenjalo, uSiseko Teyisi uqhubele phambili nokuphumelela ngethuba enqumamisa uMfanuvele Ntuli kumjikelo wesixhenxe, waze ngaloondlela waphumelela intshinga yoMzantsi Afrika ebingenamntu kudidi lwejunior-flyweight.

Lomfana waseMdantsane uyiphumelele yomithandathu imilo yakhe, kwaye uzinqumamise zomke iimbethi-manqindi alwe nazo. 

Kwelinye icala, u-Asanda Gingqi uyikhusele ngempumelelo intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight emva kokunqumamisa uKhanyisani Mbokazi kumjikelo weshumi. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php