Uguqule ingqondo umthelekisi wamanqindi ozinze KwaZulu-Natal uHlulukwenza Dladla malunga nesicelo sakhe sokokuba uBoxing South Africa (BSA) angenelele kumcimbi omalunga nomlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba ophakathi kwembethi-manqindi yakhe uLindelani Sibisi nentshatsheli uZolisa Batyi. 

UDladla ebebhalele uBSA emva kokufeda kwakhe ukufikelela kwisivumelwano nomthelekisi kaBatyi uMzi Booi weKay B Promotions. 

Oku kwenzeka noxa nje uBooi wayethumele isivumelwano somlo kuDladla noSibisi, okwindawo yokuqala kuluhlu lweembethi-manqindi kudidi losiba eMzantsi Afrika. Kodwa uSibisi akazange asityikitye esosivumelwano somlo obekelwe uLwesithathu umhla wamashumi amathathu ku-Epreli e-Orient Theatre, eMonti.

Endaweni yoko, uDladla wathumela isivumelwano somlo kuBatyi esithi makasityikitye ukuze alwe noSibisi kwiphondo laKwaZulu-Natal ngoFebruwari kulonyaka ozayo. Lonto ayizange ingene kakuhle kubalawuli bakaBatyi njengokuba sele wasityikityayo isivumelwano neKay B Promotions. 

“Ndicela ukusirhoxisa isicelo sam esimalunga nongenelelo lukaBSA. Sizakuthabatha ndlela yimbi ukulungiselela ukuba uLindelani Sibisi alwe imilo yamazwe ngamazwe,” itshilo incwadi kaDladla ayithumele kuBooi. 

UDladla uphinde lencwadi wayithumela nakumqondisi wezemisebenzi kwaBSA uMandla Ntlanganiso noMncedisi Ngqumba, okwasebenzela eligunya-bantu lamanqindi. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php