Emva kokunqumamisa abakhaya bakhe baKwaZulu-Natal uSanele Msimang noPrince Dlomo kwimilo yakhe emibini yokugqibela, oyintshatsheli yesizwe uNtethelelo Nkosi ngoku ukholelwa ukuba lifikile ixesha lokuyokophula iintliziyo zabalandeli bamanqindi eMpuma Koloni.

UNkosi, oyinzalelwane yaseMtubatuba, uzakwehla aye eMonti apho azakukhusela khona intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight xa esilwa no-Aphiwe ‘Swagger’ Mboyiya. UNkosi, oqeqeshwa nguDamien Durandt, wanqumamisa inzalelwane yaseNtshanga uMsimang noDlomo, owazalelwa eMgungundlovu, kwimilo yakhe emibini yokugqibela. 

“Andinangxaki nokuyokulwa eMonti kuba ndiyayazi ukuba ndizakuphumelela phaya. Andimdeleli uMboyiya nangona engandoyikisi nje. Kwaye ndiyayazi ukuba iMonti likhaya lakhe,” utshilo uNkosi. 

“Akukho namnye umntu ozakundiqhatha xa ndisilwa naye kuba umlo soze uhambe umgama omde. Ndizakumthi qwaka-qwaka kamsinyane, kwaye soze ibekhona imfuneko yokujonga amakhadi abagwebi.”

Umlo kaNkosi noMboyiya, owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba nolwejunior-lightweight, uzakwenziwa yiKay B Promotions kaMzi Booi ngo-Epreli. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php