Njengokuba zifedile iingxoxo phakathi kwabaphathi bakaLindokuhle Khuzwayo kunye nomlawuli weKay B Promotions uMzi Booi, uBheki Maitse sele evele njengomntu ongalwa nentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba uZolisa Batyi. 

Bekukho ithemba lokokuba singakhona isivumelwano ebesizakukhokelela ekubeni uBatyi akhusele intshinga yakhe kuKhuzwayo ngo-Epreli, kodwa abalawuli balembethi-manqindi eyazalelwa kwaMaphumulo bazikhabe zombini izivumelwano zomlo ezazivela kuBooi. Ngoku uMaitse, oyinjinga ye-African Boxing Union (ABU) SADC kudidi losiba, unqwenelwa kakhulu kumlo noBatyi. 

“Ewe sele benxibelelene nathi malunga nalomlo. Kusafuneka ndithethe noBheki malunga nalomlo ukuze ndibone ukuba ucinga ntoni na,” utshilo umlawuli kaMaitse uBrad Norman ekwelaseJamani. 

UMaitse, oqeqeshwa nguSihle Mathenjwa, ngunyana wowayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu, kwaye ubekwa kwindawo yesithandathu kuluhlu lweembethi-manqindi ezikudidi losiba kweli. 

Ephumelele imilo emithandathu, enqumamise amadoda amathathu, wabethwa komnye, uMaitse ugqibele ukulwa ngethuba wayebetha uTomas Shifiona waseNamibia e-Alexandra Stadium, eRhawutini, ngo-Okthobha nyakenye. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php