Ukubethwa kwimilo yakhe emibini yokugqibela kuphulukanise uThabiso ‘The Rock’ Mchunu, oyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwecruiserweight, nethuba lokulwela intshinga yeWorld Boxing Association (WBA) kudidi lwebridgerweight. 

Ngoku uMchunu uzakusingisa kwelaseRussia apho azakulwa khona nommi welalizwe uMuslim Gamzatovich Gazhimagomedov ekuthambekeni kwalenyanga. Kwaye oku kudizwe ngumqeqeshi wakhe uSean Smith.  

“UThabiso Mchunu uzakulwa noMuslim kwelaseRussia ngomhla wamashumi amathathu ananye apha kuJanyuwari. Ekuqaleni, bebefuna sicele umngeni kwintshinga yeWBA kudidi lwebridgerweight, kodwa iWBA yalile ngenxa yokokuba uThabiso ubethiwe kwimilo yakhe emibini yokugqibela,” utshilo uSmith. 

Lenzalelwane yaKwaXimba, eCato Ridge, KwaZulu-Natal neneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu ibethwe ngu-Ilunga Junior Makabu waseDemocratic Republic of Congo (DRC) noYamil Peralta Alberto kwimilo yayo emibini yokugqibela. 

Kusenjalo, uGazhimagomedov, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, uyimbethi-manqindi eluqilima, kwaye uyiphumelele yonke imilo yakhe emihlanu, enqumamise amadoda amathathu. 

UGazhimagomedov waphumelela imbasa yesilivere kwimidlalo ye-Olimpiki ka-2020 eTokyo kwelaseJapan nakwi-2017 European Championships. Njengokuba wakhe waphumelela imbasa yegolide kwi-2019 World Championships nee-European Games, uGazhimagomedov uzakulwa okwesibini nembethi-manqindi yaseMzantsi Afrika. Wabetha u-Akani Phuzi ngamanqaku eDushambe kwelaseTajikistan ngo-Okthobha 2023. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php