Kubonakala ngathi u-2025 angaba ngunyaka omhle kakhulu kwintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight uSiyakholwa Kuse, kwaye ngahle azalisekise iphupha lakhe lokulwela intshinga yehlabathi. 

Lenjinga yeWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi lweminimumweight izakuwubukela ngomdla omkhulu umlo ophakathi kwentshatsheli yeWBC uMelvin Jerusalem noYudai Shigeoka e-Aichi Sky Expo e-Aichi kwelaseJapan ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anethoba kuMatshi. 

Sele kuvakele ukuba umqondisi weGolden Gloves uRodney Berman wenze isivumelwano noJerusalem wasePhilippines ukuba akhusele kuKuse xa athe waphinda wambetha uShigeoka kwakhona. 

UJerusalem, oneminyaka engamashumi amathathu anesine, wacelwa ngomzuzu wokugqibela ukuba alwe noShigeoka, kwaye wambetha ngoMatshi nyakenye. Emva koko uJerusalem wayikhusela ngempumelelo intshinga yakhe ngethuba ebetha uLuis Castillo waseMexico eMandaluyong City kwelasePhilippines ngoSeptemba kulonyaka ophelileyo. 

“Ndingaqinisekisa ukuba ndixelelwe malunga nokokuba kukho isigqibo ekuvunyelenwe ngaso. URodney undixelele oku ngoDisemba. Kodwa kungenzeka ukuba uKuse alwe nembethi-manqindi ekwindawo yesine,” uphefumle watsho uMlandeli Tengimfene, ongumlawuli kaKuse.

UKuse wenze kakuhle kakhulu kwezinyanga ezilishumi elinesibhozo ezigqithileyo njengokuba ephumelele iintshinga ezintathu – eyoMzantsi Afrika, eye-African Boxing Union (ABU) kunye neWBC Silver. Kwaye ke, uKuse uyiphumelele yonke imilo yakhe emine yokugqibela. 

Kusenjalo, umlo kaJerusalem noShigeoka ungomnye wemilo kwitumente apho injinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi losiba u-Angelo Leo waseMelika azakukhusela khona intshinga yakhe kuTomoki Kameda waseJapan. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php