Zisavakala nangoku iziphumo zobumpatha ekuphatheni imali ekutyholwa ukuba yaphathwa gwenxa yibhodi kaBoxing South Africa (BSA), eyayisezintanjeni phakathi kukaDisemba 2020 noNovemba 2023.
I-Ink Sport ithelwe thsuphe ukuba inxalenye enkulu yezigidi zeerandi eziphuthaphutha amashumi amabini eyayisuka kwiSebe leZemidlalo yavingca isikhewu esikhulu ngenxa yokokuba yayome qoko inxili kaBSA nto leyo eyaphantsa yakhokelela ekubeni ingahlawulwa imivuzo yabasebenzi ngoDisemba.
Kwakungengathi imbali iyaziphinda njengokuba kwakunjalo ngo-2023, apho uBSA wacela kwiSebe leZemidlalo ukuba libahlangule ukuze kuhlawulwe imivuzo yabasebenzi ukususela ngoDisemba kwade kwabangoMatshi nyakenye.
I-Ink Sport iphinde yathelwa thsuphe ukuba umcimbi wobumpatha ekuphatheni izimali ubuvelile kwintlanganiso yebhodi kaBSA nabalawuli bamaphondo kuleveki ephelileyo.
Ekrwecwa ukuba aphefumle ngezizityholo, isithethi sikaBSA uLuthando ‘Trompies’ Zibeko uphikile ukuba baphantse abayifumana imivuzo yabo.
“Ziyavakala iziphumo, ezinye iziphumo zizakuvakala ixeshana elithile. Kodwa kususela mhla ingqonyela ebambeleyo (uTsholofelo Lejaka) yafikayo ngoSeptember okokoko ijongene nomcimbi wezimali. Ayisekho ingxaki nokuhlawulwa kwemivuzo,” utshilo uZibeko.
Kusenjalo, ibhodi entsha kaBSA ekhokelwa ngusihlalo wayo u-Ayanda Zamantungwa Khumalo inomsebenzi omkhulu wokonyula amanqindi oMzantsi Afrika kubugxwayiba azifumene ekuwo.
UKhumalo usebenza kulebhodi kunye noMthokozisi Radebe, uSydney James, uVince Blennies, uRina Subotzky Jude, uSaudah Hamid Chetty noSiyakha Simelane.