UBonginkosi ‘Malume Fury’ Nhlapo uthabatha ukulwa kwimilo ebizwa “Rising Titans” njengelungelo elilodwa njengokuba elungiselela ukulwa noMichael Head e-Emperor’s Palace, eKempton Park, kwisithuba esingaphantsi kweenyanga ezimbini.  

UNhlapo noHead bazakulwa kumlo obaluleke kakhulu ngoMgqibelo umhla wokuqala kuMatshi, apho ophumeleleyo ezakubasethubeni lokulwela intshinga yoMzantsi Afrika nengenamntu kudidi lwelight-heavyweight. 

“Ndivuya kakhulu ngokufumana elithuba, kwaye yinto enkulu kum lena. Ekugqibeleni iingcango ziyavuleka,” utshilo uNhlapo, ozakufinca iminyaka engamashumi amabini anesithandathu ngoJuni. 

Ukanti, sisihlandlo sesibini uNhlapo, ozinze eMiddelburg kwiphondo laseMpumalanga, esilwa noHead njengokuba umlo wabo wokuqala waphela bentanganye ngoNovemba 2023. 

“Ndikhe ndalwa noHead ngaphambili, kwaye salwa ngokulingana. Ndenza iimpazamo ezininzi kulamlo. Kodwa ndithe qwa ngoku, kwaye uHead soze ayazi ukuba kwenzeke ntoni na kuye,” utshilo uNhlapo, odize ukuba unomcelimngeni wabantu anokusebenzisana nabo ukulungiselela lomlo. 

Ephumelele kathathu, enqumamise indoda komnye walomilo, wabethwa komnye, waze wantanganye noHead komnye umlo, uNhlapo, obekwa kwindawo yesibini kudidi lwelight-heavyweight eMzantsi Afrika, sele eyenze ikhaya lakhe i-Emperor’s Palace njengokuba ingumlo wesine azakuwulwela kulendawo eseKempton Park.

Kwelinye icala, uHead uphumelele imilo emibini, wanqumamisa indoda komnye, waze wabethwa kumlo omnye waphinda walwa ngokulingana komnye. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php