IStellenbosch FC iqinisekisile kusasa ngoLwesithathu ukuba ityikitye umdlali wasesiswini uThato Khiba esuka kwiTS Galaxy.

UKhiba, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, uchithe ezisizini zintathu ezinesiqingatha zidlulileyo edlalela iiRockets neMarumo Gallants.

Wayekwiqela leGallants elafikelela kumdlalo owandulela amagqibelakankqoyi eCAF Confederation Cup kwisizini ka-2022/23. 

“Sinovuyo ukubhengeza ukuba sityikitye umdlali wasesiswini uThato Khiba ozibandakanye neqela lethu esuka kwiTS Galaxy,” sisitshilo iStellies. 

“Ngumdlalo ofanelekileyo apha kwiqela lethu, kwaye uzisa okuhle kodwa kunye nobunkokheli. Sinengqiniseko yokokuba uzakuba lulutho kulomjikelo wesibini wesizini nakwiisizini ezizayo.”

Ukityikitywa kukaKhiba kulandela emva kokuba eliqela laseCape Winelands liphulukene nomdlali walo uJayden Adams eyokuzibandakanya neMamelodi Sundowns. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php