Emva kokuchithwa komlo wabo ngoMeyi nyakenye, ngelingeni uSimangele ‘Smash’ Hadebe nembethi-manqibdi yaseMexico uGabriela Sanchez ‘La Bonita’ Saveedra bazakuvana amandla kwisithuba esiphantse silingane neenyanga ezimbini.

Lomlo awuzange wenzeke ngenxa yobumpatha bomthelekisi wamanqindi, kwaye ngoku lamagqiyazana azakulwa kumlo weWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi lwempukane kwelaseMexico ngoMgqibelo umhla wesihlanu ku-Epreli (NgeCawa umhla wesithandathu ngokwexesha loMzantsi Afrika).

Ebekwa kwindawo yesihlanu ehlabathini ngokweBoxrec, uHadebe, oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane, ukwindawo yokuqala kuluhlu lodidi lwentambanani kweli. 

“Okokoko sisazi ngalomlo ukususela ngoDisemba, kwaye simaxhaphetshu siziqeqesha nzima,” utshilo uHadebe exelela i-Ink Sport.

Eligqiyazana elaphumelela iwonga le-2023 Female Boxer of the Year nelikwayinjinga ye-African Boxing Union (ABU) kudidi lwempukane lizakuntingela eMexico kunye nomqeqeshi walo uKhangelani Jack nomlawuli walo uColleen McAusland. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php