Emva kokulwa ngendlela encomekayo, ngelingeni uShervantaigh Koopman uzakufumana ithuba lokulwela intshinga yehlabathi xa esilwa no-Uisma dos Ramos Lima wase-Angola ngoMeyi.
UKoopman, ongekabethwa nowayeyinjinga yoMzantsi Afrika, uzakuzama ukohlutha intshinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-middleweight kuLima xa bevana amandla e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye kuMeyi.
ULima, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini nowazalelwa eLuanda kwelase-Angola, waphumelela lentshinga ye-IBO emva kokubetha uSukhdeep Singh Bhatti wase-India nozinze eCanada, kumlo owawuse-Ontario kwelaseCanada ngoNovemba nyakenye.
“Lithuba elihle kakhulu eli, kwaye ndiyalivuyela. Njengesiqhelo ndisebenza nzima, ndiziqeqesha. Ndifuna ukuphucula amanqindi am,” uphefumle watsho uKoopman.
Ezinze ePorto kwelasePortugal, uLima uphumelele imilo elishumi elinesithathu, enqumamise amadoda alithoba, waze wabethwa kumlo omnye. Kwelinye icala, uKoopman uyiphumelele yolishumi elinesihlanu imilo yakhe, enqumamise amadoda alishumi.
“Andazi nto engako ngaye ngaphandle kwento yokokuba wazalelwa e-Angola, kwaye kungoku nje uzinze ePortugal. Enye into endiyaziyo kukuba yimbethi-manqindi egadlela ngamandla xa isilwa,” utshilo uKoopman. – Monwabisi Jimlongo