Kulula kakhulu ukwazi ukuba yintoni na echwayitise owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight u-Ayabonga ‘Jay Jay’ Sonjica njengokuba elungiselela umlo wakhe noThato Bonokoane. 

USonjica akakalwi kwisithuba esingaphaya kweminyaka emibini njengokuba wagqibela ukulwa mhla wayenqunyanyiswa kumjikelo wesithandathu yinjinga yamhlamnene kweli kudidi lwejunior-featherweight uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu ngoJulayi 2022. 

Ngoku uSonjica uzakulwa noBonokoane, owayeyintshatsheli yeWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwejunior-featherweight, kumlo onemijikelo emithandathu eGalleria Events Venue, eSandton, ngoMgqibelo umhla weshumi elinesihlanu kuMatshi. 

“Andifuni ukuxoka, ndivuya kakhulu. Ukubuyela kwam eqongeni yinto ebifanele ukuba kudala yenzekayo. Andikhathali nokuba yimijikelo emingaphi na, into ephambili kum kukulwa qha,” uvakele esitsho uSonjica.

Umlo kaSonjica noBonokoane uzakuba yinxalenye yetumente yamazibulo ye-Aquila Boxing Promotions (ABP). USonjica uzakulwa noBonokoane, ofuna impumelelo nasebumnyameni emva kokubethwa kwimilo yakhe emithathu yokugqibela nommi waseTanzania uKalolo Amiri, iimbethi-manqindi zaseNamibia uMateus Heita noFilipus Nghitumbwa.

Kusenjalo, kulonyaka ophelileyo uSonjica, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu nophuma eDuncan Village, eMonti, wakhutshelwa ngaphandle kuluhlu lukaBoxing South Africa (BSA) lweeembethi-manqindi eziphambili.

“Ingqondo yam ayikho kubume boluhlu lweembethi-manqindi, andigxilanga apho konke-konke. Mna ndifuna ukungena eqongeni, ndilwe qha,” ulebele ngelitshoyo uSonjica. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php