Owayeyinto ngobunto bayo kumanqindi akudidi lwabangahlawulwayo u-Amzolele ‘Globe’ Dyeyi uzakulwa okokuqala ngqa ngaphambi kwabalandeli bamanqindi baseMonti okokoko waqalisa ukulwa kudidi lwabahlawulayo kulonyaka ophelileyo.

Lenzalelwane yaseMdantsane, eneminyaka engamashumi amabini anesithathu, izakulwa noSimamkele Singile njengokuba bobabini bezakube besilwa isihlandlo sesithathu kudidi lwabahlawulwayo ngeCawa umhla wamashumi amabini anesixhenxe ku-Epreli.

Okunikisa umdla omkhulu kukuba bobabini uDyeyi noSingile abakabethwa njengokuba umntu ngamnye eyiphumelele yomibini imilo yakhe.  

USingile likroti lomfana okhumbuleka kakhulu ngokoyisa uPhakamile Jacobs, owayengumphathi kaBoxing South Africa (BSA) eMpuma Koloni, kwinkundla ephakamileyo yoMzantsi Afrika ezinze eMakhanda. 

Umfana kaSingile, ozinze eDuncan Village, wasa uJacobs noBSA kwinkundla ephakamileyo emva kokwalelwa ithuba lokutyikitya isivumelwano solawulo negqwetha laseGqeberha uSizwe Maci. 

USingile wanyanzeleka ukuba abhenele kwinkundla ephakamileyo njengokuba uJacobs wayelibele kukudlala undize ngethuba efuna ukutyikitya noMaci. 

Kusenjalo, uDyeyi uya kulomlo emva kokubetha uBuyani Maduna eThekwini ngo-Agasti, logama yena uSingile woyisa uSibusiso Mkolo e-Orient Theatre, eMonti, ngoNovemba nyakenye.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php