Imbethi-manqindi ekumanqwanqwa ehlabathi uSiyakholwa Kuse ushiye abalandeli bamanqindi beqashisela emva kwamarhe okokuba ufumene ikhaya lokuziqeqesha elitsha eGauteng njengokuba kuvakala ukuba uwutsibile umgubasi wase-All Winners Boxing Club eMdantsane.  

Ebekwa kwindawo yesithathu yiWorld Boxing Council (WBC), uKuse uqale ukuxhomisa amehlo emva kokungabuyeli e-All Winners ngethuba abalingane bakhe beqalisa ukuziqeqesha kulenyanga ephelileyo.

Ngoku kukholeleka ukuba elityendyana laseMdantsane lizakuzibandakanya okanye sele lizibandakanye neBrian Mitchell Boxing Academy e-Edenvale, Ekurhuleni. 

“Ndivile ukuba uKuse uzakuzibandakanya neBrian Mitchell Boxing Academy,” utshilo umthombo we-Ink Sport ozinze eGauteng. 

Etsalelwa umnxeba kwilinge lokuva ukuba uthini na ngoKuse, uBrian Mitchell, owayeyinjinga yeWorld Boxing Association (WBA) ne-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-lightweight, uthethe wathi: “Isengamarhe nje okwangoku, kwaye akukho nto endinokuyithetha. Ndivile ukuba ufuna ukuza eRhawutini.” 

UKuse wabetha uBeaven Sibanda ngamanqaku kumlo weWBC Silver kudidi lwemini-flyweight e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngoDisemba. Okunikisa umdla ke kukuba uSibanda waseZimbabwe uphethwe nguMitchell, eqeqeshwa nguVusi Mtolo. 

Kusenjalo, umlawuli wase-All Winners uMlandeli Tengimfene uthethe wathi ngethuba etsalelwa umnxeba: “Ndithethile naye ngoLwesihlanu, usekhona ngapha. Ndakothuka kakhulu ukuba kunokuthi kanti ikhona into ayicebayo.”

Kwelinye icala, aphanzile amalinge okufumana uluvo lukaKuse, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight, njengokuba umnxeba wakhe ukhale wade waziyekela. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php