Izakuba bubusuku obuxakekileyo kumqeqeshi wamanqindi nozinze eRhawutini uDamien Durandt njengokuba ezakukhokelela iimbethi-manqindi zakhe ezintathu edabini kwitumente yeGolden Gloves ngoMgqibelo umhla wokuqala kuMatshi.  

UDurandt uzakube esekoneni xa intshatsheli yehlabathi uJackson ‘M3’ Chauke, injinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-middleweight uBrandon Thysse noBryan Thysse besilwa e-Emperor’s Palace, eKempton Park.

UChauke uzakube ekhusela intshinga yakhe ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwempukane xa esilwa nomcelimngeni uRicardo Malajika kumlo ophambili kuletumente. 

Kwelinye icala, uBrandon Thysse uzakulwa nommi waseNamibia uCharles Shinima kumlo weWorld Boxing Council (WBC) Africa kudidi lwejunior-middleweight, logama umninawa wakhe uBryan ezakuvana amandla noTuvia Wewege kwimijikelo esibhozo kudidi lwelight-heavyweight. 

“Ahamba kakuhle kakhulu amalungiselelo obusuku endizakuxakeka ngabo. UBrandon uyawuqonda umsebenzi ajongene nawo. Uchwayitile njengokuba ezakulwela intshinga yeWBC Africa,” utshilo uDurandt.

“Naye uBryan uchwayitile, kwaye ufuna ukuphumelela ukuze azokulwela intshinga yoMzantsi Afrika. Ufuna ukuqinisekisa ukuba uyintshatsheli yoMzantsi Afrika njengomnakwabo.”

UDurandt wongeze wathi: “Indoda yamadoda uJackson Chauke, umlo wakhe uthetha lukhulu kuye. Ufuna ukubonakalisa ukuba kutheni na lento eyimbethi-manqindi ephambili kudidi lwempukane e-Afrika nokokuba kutheni na eyenye yeembethi-manqindi eziphambili kudidi lwempukane ehlabathini jikelele. Uzakubonisa ukuba kutheni na lento engekabethwa kudidi lwempukane eMzantsi Afrika kwiminyaka elishumi elinesithathu.” – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php