Imbethi-manqindi ezinze eMonti uSanele Sogcwayi unethemba lokuqhuba kakuhle xa esilwa okokuqala kudidi lwabahlawulwayo ebutsheni benyanga ezayo.
USanele kunye nomkhuluwa wakhe uMhlanganisi baqeqeshwa nguNcedo Cecane, kwaye uzakuqubisana noLungisani Mkhize kwimijikelo emine e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngeCawa umhla wesibini kuMatshi.
“Ndilungiselela umlo wam wokuqala kudidi lwabahlawulwayo nozakuba ngomhla wesibini kuMatshi. Ndingatsho ndithi ahamba kakuhle kakhulu amalungiselelo alomlo,” utshilo uSanele.
“Ndiye ndahlala ixesha elide kudidi lwabangahlawulwayo kuba bendisafuna ukulola isakhono sam. Ndizakubabonisa abantu ngomhla womlo ukuba kuyanceda ukuhlala ixesha elide kudidi lwabangahlawulwayo. Ndiwulungele umlo, kwaye ndiyayazi ukuba amanqindi akwelinye izinga kudidi lwabahlawulayo.”
Kusenjalo, kwakuletumente enye uMhlanganisi uzakulwa nowakhe walwela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight uSifiso Hlongwane kwimijikelo emithandathu. – Monwabisi Jimlongo