Imbethi-manqindi enyeke ukuphumelela intshinga yehlabathi uSiyakholwa Kuse ucetyiswe ukuba angene kwinxili yogcino-mali njengokuba ezibandakanye neGolden Gloves. 

UKuse, oyintshatsheli yeWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi lwemini-flyweight, utyikitye neGolden Gloves emva kokuzibandakanya neBrian Mitchell Boxing Academy e-Edenvale ebutsheni baleveki. Ngaphambili, uKuse ebeziqeqesha e-All Winners Boxing Club, eMdantsane. 

Ngoku lomfana owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight uzakuthelekiswa yiGolden Gloves kaRodney Berman kunye neLast Born Boxing Promotions. 

“UKuse ufike e-ofisini yam ehamba noBrian Mitchell. Ndiye ndamxelela ukuba enye yezinto ezinkulu afanele ukuyiqonda ngam kukuba kufuneka afake imali kwinxili yogcino-mali. Ndiye ndabona ukuba iye yamvuyisa lonto. Xa iimbethi-manqindi zikwiGolden Gloves ziyakuthi xa zisimka zimke zifumile ngokwasezimalini. Kodwa ke andingeni ndawo ekubeni ziyenza ntoni na imali xa sele zimkile kwiGolden Gloves,” utshilo uBerman.

UKuse, obekwa kwindawo yesithathu kuluhlu lweWBC, uzakulwa kwitumente apho injinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-middleweight u-Uisma Lisa wase-Angola ezakube ekhusela intshinga yakhe kuShervantaigh Koopman ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye kuMeyi. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php