Imiselwe inyanga ka-Epreli inkomfa yolonyulo yabathelekisi abaqukwa kwiGauteng Boxing Promoters Association (GBPA). 

Bekulindeleke ukuba iGBPA ibenenkomfa yolonyulo engaphelanga unyanga-ntathu wokuqala kulonyaka, kodwa ayizobasenzeka lonto njengokuba imiselwe u-Epreli.  

“Inkomfa yolonyulo imiselwe u-Epreli ngenxa yokokuba sele sisondele kwixesha lokuhlaziya iimpepha zethu zokuthelekisa,” uchaze watsho uSandile Xaka, ongumququzeleli ophambili kwiGBPA.

UXaka weSupreme Boxing Promotions ukhokela ikomiti enamalungu asixhenxe neyamiselwa ngoNovemba nyakenye. Amanye amalungu alekomiti nguMapula Matlala, u-Akira Solomon, uThanyani Marageni, uLeandra Beyers, uNomthandazo Msimango kunye noSonja Fernandes.  

Lekomiti yonyulwa emva kokuba iNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) yabhangisa ikomiti eyayikhokela iGBPA ngoDisemba 2022. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php