Owayekhe walinga ukuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwemiddleweight u-Ayanda Mthembu uzakulwa kwelaseGeorgia kulenyanga ezayo njengokuba ezakuqubisana no-Irakli Melikishvili ongekabethwa.
UMthembu, owakhe wacela umngeni kwinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwemiddleweight uJohn Bopape, uzakulwa noMelikishvili eTbilisi kwelaseGeorgia ngoMgqibelo umhla weshumi elinesihlanu kuMatshi.
“Ewe, u-Ayanda uzakulwa eGeorgia kulenyanga ezayo. Sesivumelene ngento yonke, ngoku silindele amatikiti enqwelo-moya,” uqinisekise watsho uZwilenkosi Magudulela, ongumthelekisi ka-Ayanda.
U-Ayanda, ongekalwi kususela mhla wanqumamisa owayeyintshatsheli yaseZimbabwe kudidi lwejunior-middleweight u-Enock Msambudzi kumjikelo wesibhozo ngoFebruwari nyakenye, uzakusingisa eGeorgia ehamba nomqeqeshi wakhe uSizwe Mthembu.
Ukanti, uMelikishvili akakabethwa njengokuba eyiphumelele yomihlanu imilo yakhe, enqumamise amadoda amathathu, logama u-Ayanda ephumelele kasibhozo, enqumamise amadoda amathandathu, wabethwa kwimilo esibhozo, waphinda walwa ngokulingana kwemibini.