Njengokuba amarhe esithi uMphathiswa weZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uGayton McKenzie uzakubhengeza ukuba uzakunika iBoxing South Africa (BSA), entyumpa-ntyumpeka ematyaleni, izigidi ezingamakhulu amabini eerandi, kuzakubhengezwa itumente ekhumbula ongasekhoyo uSteve Tshwete.

Letumente ibhengezwe nguMcKenzie kwingqungquthela yamanqindi entsuku-mbini e-International Convention Centre (ICC) eMonti phakathi koLwesine noLwesihlanu. 

UTshwete wayengumphathiswa wokuqala wezemidlalo nolonwabo ngaphantsi korhulumente wentando yesininzi eMzantsi Afrika emva kokonyulwa kwakhe ngongasekhoyo nowayengumongameli woMzantsi Afrika uNelson Mandela.

UTshwete, owayelibanjwa lezopolitiko eRobben Island, wabhubha ngo-Epreli 2002, eneminyaka engamashumi amathandathu anesithathu. Ngexa lokusweleka kwakhe uTshwete wayenguMphathiswa woKhuseleko ngaphantsi koThabo Mbeki, owayengumongameli ngeloxesha.

“Sizakuphehlelela iSteve Tshwete Fighting Tournament. Asiyoyamadoda kuphela, ikwayemanina. Itumente yokuqala izakubanjwa ngo-Epreli,” utshilo uMcKenzie. 

“Wayengumphathiswa onesakhono nophume izandla. Abantu babuza ngaye, baphinde bandixelele amabali ngaye kuzo zonke iindawo endihamba kuzo. Wayesuka komnye umbutho, asinamona thina. Sibhiyozela, sikhumbula ubunganga bakhe.”

UMcKenzie wongeze ngelithi: “Kufuneka niwubeke emagxeni am umcimbi wetumente kaSteve Tshwete. Izakubakho kumaphondo onke, kwaye eyona-yona izakubase-Orient. Abantu bazakufumana imali, abantu bazakonwaba. Izakuba kumabonakude.” 

Kusenjalo, uMcKenzie uthembise ukuba buzakuguquka ubume bamanqindi abasetyhini njengokuba ezakubhengeza kwiinyanga ezimbini ezizayo.

“Kumanina, nikwimeko engekho ntle nina. Baninikele umva, kodwa musani ukuphela amandla. Qalani ngoku, ikhona imali. Kukho enye imali ezayo ekupheleni kuka-Epreli. Sebenzani nisazi ukuba kuza imali,” utshilo uMcKenzie. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php