Bazakubasengxakini abathelekisi bamanqindi abafedayo ukwenza iitumente zamanqindi ukuba sinokukholelwa amazwi kaGayton McKenzie, onguMphathiswa weZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko.

Ethetha kusuku lokugqibela lwengqungquthela yamanqindi ebintsuku-mbini nephele ngoLwesihlanu e-International Convention Centre (ICC), eMonti, uMcKenzie ulibeke latsola elokokuba abathelekisi bazakuphulukana neempepha zabo zokuthelekisa ukuba abagxabhagxabhisi basebenze. 

“Abanye benu bathelekisi bazakuphulukana neempepha zokuthelekisa. Ningagxeki abasebenzi, ze nigxeke umphathiswa kuba ningabathelekisi nje ngegama, nihamba nifuna imali ngegama leembethi-manqindi, niphinde ningazixeleli ukuba nifumene imali ngegama lazo,” utshilo uMcKenzie.

“Anizange nenza nomlo omnye. Ndifuna isolotya licace lithi nawuphi na umthelekisi ongakhange enze iitumente ezimbini ekupheleni kwalonyaka angaphinde abengumthelekisi. Zizakuza ezinguqu. Umqeqeshi nomthelekisi bafumana imali xa imbethi-manqindi isilwa.”

UMcKenzie uqukumbele wathi: “Ndizakubangumthelekisi wamanqindi ukuba kwenzekile ndasuswa esikhundleni, ndiyanixelela. Ndilibonile ithuba. Kwaye ndakuba ngumthelekisi wenu nina bathelekisi abangathelekisiyo.”

Iyinto ecace nakuthathatha into yokokuba abanye abathelekisi uphela unyaka-mali bengakhange benze netumente enye, logama abanye bencedwa yimali-nkxaso ephuma kwinxili karhulumente. – Monwabisi Jimlongo  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php