UMphathiswa weZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uGayton McKenzie utsho ngesibindi esithi uzakuwalungisa amanqindi, esitsho kananjalo ukuba uzazi kakuhle iingxaki ezijamelene nalomdlalo.
UMcKenzie, owabekwa nguMongameli Cyril Ramaphosa kwisikhundla sokuba nguMphathiswa weZemidlalo emva kolonyulo jikelele nyakenye, ubonakala ewabeke esweni amanqindi.
“Ndifuna ukuthetha yonke into ngeenguqu eziza emanqindini. Zonke izinto ziyeza. Siyayazi imeko amanqindi azifumana ekuyo. Siyazazi iingxaki zamanqindi. Ndiyawazi amanqindi, kwaye ndiyabona ukuba awe njani na amanqindi. Sizakuwalungisa amanqindi. Ndinoxanduva lokukhokela ekuvuselelweni kwamanqindi,” utshilo uMcKenzie.
UMcKenzie wongeze ngelithi: “Sizakuba neebhodi kumaphondo onke. Sizakuba nee-ofisi ezizizo kunye nezixhobo ezizizo zokusebenza.”
Okwangoku, uBoxing South Africa (BSA) unabaphathi abahlanu abajongene namanqindi kumaphondo olithoba kwelilizwe.
NguSiya Vabaza-Booi eMpuma Koloni, ibenguMike Dube KwaZulu-Natal, logama uMzoli Tempi ejongene namanqindi eNtshona naseMntla Koloni.
Kwelinye icala, uHloks Ramagole ujongene namanqindi kumaphondo amathathu – eGauteng, eFreystata naseMntla Ntshona, aze u-Oupa Lubisi ajongane namanqindi eMpumalanga naseLimpopo.