Lubekiwe usuku apho uKevin Lerena azakukhusela intshinga yakhe yeWorld Boxing Council (WBC) kudidi lwebridgerweight apha eMzantsi Afrika kancinane nje kwisithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini.
ULerena wabekwa njengentshatsheli entsha yeWBC kudidi lwebridgerweight ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo emva kwencwadi eyabhalwa yintshatsheli yangaphambili uLawrence Okolie esithi uyenyuka esiyokulwa kudidi lwanzima.
ULerena, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, uzakukhusela intshinga yakhe kummi wase-Ukraine uSerhiy Radchenko eSunBet Arena, ePitoli, ngosuku lwabasebenzi.
“Ndichwayite kakhulu ukuqinisekisa ukuba uLerena uzakukhusela intshinga yakhe yeWBC kumlo noRadchenko wase-Ukraine eSunBet Arena, ePitoli, ngomhla wokuqala kuMeyi. Izakubayinto enkulu le eMzantsi Afrika kuba uLerena uzakuba yimbethi-manqindi yokuqala yaseMzantsi Afrika ukukhusela intshinga yeWBC ekhaya,” uqinisekise watsho uDewald Mostert weLegacy Boxing Promotions.
URadchenko, oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe, yintshatsheli yeWBC Silver kudidi lwebridgerweight, kwaye sele ephumelele imilo elishumi elinanye, enqumamise amadoda amahlanu, logama equthiswe kwimilo esixhenxe.
Lenjinga yamhlamnene kudidi lwecruiserweight kwelase-Ukraine iyiphumelele yonke imilo yayo emine yokugqibela emva kokubethwa kwemihlanu eyandulela leyo.
Kusenjalo, kubonakala ngathi injinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwewelterweight uThulani Mbenge kunye nogxa wakhe uThabiso Mchunu, oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwecruiserweight, ngahle balwe kuletumente.
Ngahle uMbenge akhusele intshinga yakhe ye-IBO okokuqala, logama uMchunu, owazalelwa KwaXimba, kungenzeka alwele intshinga ye-African Boxing Union (ABU).
UMbenge waphumelela intshinga ye-IBO emva kokuquthisa uMichael McKinson eNgilane ngo-Okthobha nyakenye, logama uMchunu ebethwe ngummi waseRussia uMuslim Gamzatovich Gazhimagomedov kwelaseRussia kulenyanga ephelileyo. – Monwabisi Jimlongo