Umlo omhle kakhulu yeyona nto ayilindeleyo umqeqeshi wamanqindi uManny Fernandes xa imbethi-manqindi yakhe uRicardo Malajika esilwa negqala uJackson Chauke e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngoMgqibelo.
UMalajika uzakulinga ukuba yimbethi-manqindi yokuqala yaseMzantsi Afrika ukubetha uChauke kumlo wodidi lwempukane phantse kwiminyaka elishumi elinambini. UChauke uzakube ekhusela intshinga yakhe ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwempukane xa equbisana noMalajika.
“Ndicinga ukuba izakuba ngumlo omhle kakhulu njengokuba usazi ukuba uChauke sisisele senyathi. Uzakube esiza phambili xa kuliwayo. UMala uzakuthi qabavu kuye, kwaye uzakumshiya ngamendu. Ngokuqinisekileyo uRicardo unamandla kakhulu. Iyakuba yinto entle ukuba umnqumamisile,” uphefumle watsho uFernandes.
UChauke, ozakubhiyozela ukufinca iminyaka engamashumi amane ngoMeyi, uzakube ekhusela intshinga yakhe okokuqala emva kokubetha inzalelwane yase-Afghanistan nengummi waseBrithane uQuaise Khademi ngoJanyuwari nyakenye.
Kwelinye icala, uMalajika uzakube ezama ukongeza intshinga ye-IBO kudidi lwempukane kuleyo yakhe yodidi lwejunior-bantamweight kwakulombutho omnye.
“UChauke uwulungele umlo. Ngokuqinisekileyo nathi siwulungele. Abantu bazakubona ukuba uRicardo uyimbethi-manqindi entle kangakanani na. Ngokuqinisekileyo ungomnye weembethi-manqindi eziphume izandla kwelilizwe,” utshilo uFernandes.
“Usenendlela ende azakuyihamba. Kodwa ndibona ukuba angaziphumelela iintshinga ezintlanu kwizintlu ezahlukeneyo. Womelele kakhulu ngokwasengqondweni. Ibonakalisa isibindi nokuzimisela into yokokuba imbethi-manqindi yehlele ngezantsi kuba ifuna ukulwa. Ukwimeko entle kakhulu.” – Monwabisi Jimlongo