Nangona nje uKhangelani Jack ekhetha ukungathethi, singaveza ukuba ukhethe ubuhlobo bakhe noZolisa Batyi endaweni yokuzuza imali njengokuba alile ukunceda uLindelani Sibisi kumalungiselelo akhe omlo nalenjinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba.
Abaphathi bakaSibisi bacele uJack, owaphumelela iwonga le-2023 Trainer of the Year, ukuba abeyinxalenye yabo kwilinge lokohlutha intshinga kaBatyi. Kodwa uJack ubadanisile ngethuba esala kuba engafuni ‘ukungcatsha’ uBatyi awakhe wamqeqesha.
“Sithethile noJack, simcela ukuba asincedise kumalungiselelo ethu kumlo noBatyi. Kodwa akakasiphenduli okwangoku. Sinobudlelwane obuhle kakhulu nenkampu yakhe, yiyo lonto sicele ukuba asincedise ngaphambi komlo noBatyi,” udize watsho uHlulukwenza Dladla weHlula Dladla Boxing Promotions (HDBP) nongumthelekisi kaSibisi.
Lomlo kaBatyi noSibisi uzakubaseMonti ngeCawa umhla wamashumi amabini anesixhenxe ku-Epreli. Kwaye izakube isisihlandlo sesihlanu uBatyi ekhusela intshinga yakhe.
Ukanti, uJack wayesekoneni kaBatyi ngethuba ephumelela lentshinga yoMzantsi Afrika ngokunqumamisa owayeyintshatsheli uJeff Magagane kumjikelo wesibini eNgoako Ramatlhodi Sports Complex, eSeshego, ePolokwane ngoDisemba 2022.
Kwaye uJack waphinda wakhokela uBatyi ngethuba esilwa ngokulinganayo noAbul-aziz Kunert eBellville, eKapa, ngo-Agasti 2023 nakwimpumelelo kumlo noLucky Hobyane ngoMatshi kulonyaka ophelileyo.
“Ewe, liyinene elokokuba inkampu kaSibisi ibinxibelelene noJack, imcela ukuba asebenze nayo, kodwa walile kuba oko bekuyakufana nokokuba ungcatsha uBatyi asele enethuba emazi,” utshilo umthombo we-InkSport.
Ephefumla emva kokutsalelwa umnxeba, uJack uthe akazinto mayela nokufunwa kwakhe yinkampu kaSibisi njengokuba ilungiselela noBatyi nje. – Monwabisi Jimlongo