USiyakholwa Kuse akanamathandabuzo engqondweni yakhe ukuba wathabatha isigqibo esisiso ngethuba efulathela iMonti esiyokugxumeka iintente eRhawutini kwilinge lokuqhubela phambili namanqindi akhe.
UKuse wothusa abalandeli bamanqindi ngethuba etsiba umgubasi wase-All Winners Boxing Club eMdantsane esiyokuzibandakanya neBrian Mitchell Boxing Academy e-Edenvale kulenyanga ephelileyo.
“Ndingatsho ndithi kusekuhle ke okwangoku, kwaye andizisoli ngokusuka eMonti ndize apha eRhawutini. Ndichwayitile apha ngaphantsi komqeqeshi wam omtsha uVusi Mtolo,” utshilo uKuse.
Lentshatsheli yeWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi lwemini-flyweight ilitsolisile elokokuba ukumka kwayo eMonti ikwenzele ukuze kubeyinzuzo kusapho lwayo nokokuba iphucule ubomi balo. UseRhawutini ngeenjongo zokwenza ubomi bosapho lwakhe bubengcono.
“Amalungu osapho lwam ayandivuyela, kwaye ayayazi ukuba ndizokusebenzela thina sonke apha. Nantoni na endiyiphumelelayo izakuphucula ubomi bethu, yiyo lonto ndisithi andikhumbuli tu ekhaya,” utshilo uKuse, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight.
Kusenjalo, lenjinga yamhlamnene kwi-African Boxing Union (ABU) kudidi lweminimumweight izakukhusela intshinga yayo yeWBC Silver ngomhla wamashumi amathathu ananye kuMeyi kwitumente apho uShervantaigh Koopman ezakube ecela umngeni kwintshinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-middleweight ebanjwe ngu-Uisma dos Ramos Lima wase-Angola.
UKuse waseMdantsane waphumelela intshinga yeWBC Silver emva kokubetha ummi waseZimbabwe nongugxa wakhe ngoku uBeaven Sibanda ngamanqaku ngoDisemba nyakenye. – Monwabisi Jimlongo