USiyakholwa Kuse uzakulwa okokuqala ngaphantsi kwesandla somqeqeshi wakhe omtsha uVusi Mtolo xa engquzulana noSamuel Salva wasePhilippines kwiinyanga ezimbini ezizayo.

UKuse, onikele iMonti umva, wafudukela eRhawutini kulenyanga ephelileyo, uzakube eyikhusela okokuqala intshinga yakhe yeWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi lwemini-flyweight xa esilwa noSalva e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye kuMeyi. 

UKuse, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight, waphumelela ibhanti yeWBC Silver emva kokubetha uBeaven Sibanda waseZimbabwe ngamanqaku ngoDisemba kulonyaka ophelileyo.

Kusenjalo, uSalva wakhe wazama ukuphumelela intshinga ye-International Boxing Federation (IBF) minimumweight kodwa wabethwa nguPedro Taduran ngoSeptemba 2019.

Ebekwa kwindawo yeshumi kuluhlu lweWorld Boxing Organisation (WBO), uSalva oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, uphumelele imilo engamashumi amabini ananye enqumamise amadoda alishumi elinesine, ebethwe kwimilo emibini. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php